Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 2:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.

9. Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyiniké oonyana bakaLote, ukuba bayime.

10. AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki.

11. Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.

12. NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.

13. Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede.

14. Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.

15. Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.

16. Kwathi, xenikweni onke amadoda okulwa ayegqityiwe, afa phakathi kwabantu,

17. wathetha uYehova kum, esithi,

18. Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre,

19. usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.

20. Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 2