35. Ziinkomo zodwa esazithimbelayo, namaxhoba emizi esayithimbayo.
36. Sathabathela eArohere, eseludinini lomlanjana oyiArnon, emzini osesihlanjeni, sada sesa eGiliyadi, akwabakho mzi usinqabelayo; konke wakunikela kuthi uYehova uThixo wethu.
37. Lilizwe loonyana baka-Amon lodwa, eningasondelanga kulo: lonke icala lomlanjana oyiYabhoki, nemizi yasezintabeni, nento yonke awawisa umthetho ngayo uYehova uThixo wethu.