Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 2:25-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ngale mini ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya ngawe nokoyikeka kwakho phezu kwabantu abaphantsi kwezulu lonke, abaya kuluva udaba lwakho bagungqe, bazibhijabhije ngenxa enawe.

26. Ndasusa abathunywa entlango yeKedemoti, baya kuSihon ukumkani waseHeshbhon, benamazwi oxolo okuthi, Ndiyeke ndicande ezweni lakho.

27. Ndohamba ngendlela le yodwa; andiyi kuthi gu bucala ndiye ekunene nasekhohlo.

28. Ukudla wòndithengela ngemali ndidle, namanzi wòndinika ngemali ndisele, ndihambe nje kodwa ngeenyawo;

29. njengoko benza ngako kum oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, namaMowabhi abemiyo eAre; ndide ndiwele iYordan, ndiye ezweni asinikayo uYehova uThixo wethu.

30. Àkavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla.

31. Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe.

32. Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, eza kulwa eYatsa.

33. UYehova uThixo wethu wamnikela kuthi; sambulala, yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke.

34. Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, sawasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana; àsasalisa namanye usindayo.

35. Ziinkomo zodwa esazithimbelayo, namaxhoba emizi esayithimbayo.

36. Sathabathela eArohere, eseludinini lomlanjana oyiArnon, emzini osesihlanjeni, sada sesa eGiliyadi, akwabakho mzi usinqabelayo; konke wakunikela kuthi uYehova uThixo wethu.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 2