Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 2:17-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. wathetha uYehova kum, esithi,

18. Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre,

19. usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.

20. Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum;

21. engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki. UYehova wabatshabalalisa ebusweni babo; babagqogqa, bema esikhundleni sabo;

22. njengoko wabenzelayo oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, wawatshabalalisa amaHori ebusweni babo, bawagqogqa, bema esikhundleni sawo unanamhla.

23. Nama-Avi ayemi emizaneni, ada esa eGaza; amaKafetori, awaphumayo kwelamaKafetori, awatshabalalisa, ema esikhundleni sawo.

24. Sukani ninduluke, niwele umlanjana oyiArnon. Yabona, ndimnikele esandleni sakho uSihon ukumkani waseHeshbhon, umAmori, nelizwe lakhe. Qala ukulihlutha, ubambane naye, ulwe naye.

25. Ngale mini ndiya kuqala ukubeka ukunkwantya ngawe nokoyikeka kwakho phezu kwabantu abaphantsi kwezulu lonke, abaya kuluva udaba lwakho bagungqe, bazibhijabhije ngenxa enawe.

26. Ndasusa abathunywa entlango yeKedemoti, baya kuSihon ukumkani waseHeshbhon, benamazwi oxolo okuthi, Ndiyeke ndicande ezweni lakho.

27. Ndohamba ngendlela le yodwa; andiyi kuthi gu bucala ndiye ekunene nasekhohlo.

28. Ukudla wòndithengela ngemali ndidle, namanzi wòndinika ngemali ndisele, ndihambe nje kodwa ngeenyawo;

29. njengoko benza ngako kum oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, namaMowabhi abemiyo eAre; ndide ndiwele iYordan, ndiye ezweni asinikayo uYehova uThixo wethu.

30. Àkavuma uSihon ukumkani weHeshbhon, ukuba sicande kuye, ngokuba uYehova uThixo wakho wamqinisa isibindi, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo namhla.

31. Wathi uYehova kum, Yabona, ndiqalile ukumnikela kuwe uSihon nelizwe lakhe; qala ukulihlutha, ulidle ilifa ilizwe lakhe.

32. Waphuma ke uSihon wasihlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, eza kulwa eYatsa.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 2