Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 2:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.

16. Kwathi, xenikweni onke amadoda okulwa ayegqityiwe, afa phakathi kwabantu,

17. wathetha uYehova kum, esithi,

18. Namhla uya kugqitha emdeni wakwaMowabhi oyiAre,

19. usondele malungana noonyana baka-Amon. Uze ungababandezeli, uze ungabambani nabo; kuba ezweni loonyana baka-Amon andiyi kukunika ndawo yakuma; ngokuba ndilinike oonyana bakaLote ukuba limiwe ngabo.

20. Bekusithiwa lilizwe lamaRafa nalo. Bekumi amaRafa khona kudala; ama-Amon athi ngamaZamzum;

21. engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki. UYehova wabatshabalalisa ebusweni babo; babagqogqa, bema esikhundleni sabo;

22. njengoko wabenzelayo oonyana bakaEsawu abemiyo kwaSehire, wawatshabalalisa amaHori ebusweni babo, bawagqogqa, bema esikhundleni sawo unanamhla.

23. Nama-Avi ayemi emizaneni, ada esa eGaza; amaKafetori, awaphumayo kwelamaKafetori, awatshabalalisa, ema esikhundleni sawo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 2