Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 19:15-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ze kungesuki kume ngqina linye ngomntu ngenxa yobugwenxa, nokuba bubuphi na, nangenxa yesono nokuba sisiphi, esonweni nokuba sisiphi oné ngaso; lize limiswe ilizwi ngomlomo wamangqina amabini, nokuba kungomlomo wamangqina amathathu.

16. Xa kuthe kwema ingqina elifumana limbopha umntu, ukuba lingqine okutyekileyo ngaye,

17. loo madoda mabini abambeneyo oma phambi koYehova, phambi kwababingeleli nabagwebi abaya kubakho ngaloo mihla; bancine abagwebi.

18. Ukuba ke ingqina lilingqina lobuxoki, lingqiné ubuxoki ngomzalwana walo, ize nenze kulo,

19. njengoko belicinga ukwenza ngako kumzalwana walo; nibutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.

20. Bova abanye, boyike, kungabi saphindwa kwenziwe ngokwale ndawo imbi phakathi kwenu.

21. Ze lingabi nanceba iliso lakho: umphefumlo wóbuyiselwa ngomphefumlo, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 19