Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 18:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. wòdla isabelo njengabanye; ibe yodwa yona intengiso yakhe ngezinto zezindlu zooyise.

9. Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza amasikizi ezo ntlanga.

10. Maze kungàfunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,

11. nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo.

12. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.

13. Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.

14. Kuba ezi ntlanga uzigqogqayo zaphulaphula amatola nabavumisi; ke wena akakunikanga okunjalo uYehova uThixo wakho.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 18