Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 18:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wathi ke uYehova kum, balungisile ukutsho;

18. ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.

19. Kothi ke, kulowo uthe akaliphulaphula ilizwi lam, aya kulithetha egameni lam, mna ndiyibuze loo nto kuloo mntu.

20. Kodwa umprofeti yena othe wakhukhumala, wathetha ilizwi egameni lam, endingamwiselanga mthetho ukuba alithethe, nothe wathetha egameni lathixo bambi: loo mprofeti makafe.

21. Xa ke uthe entliziyweni yakho, Sothini na ukulazi ilizwi angàlithethanga uYehova?

22. ilizwi, athe walithetha umprofeti egameni likaYehova, alabakho, alehla: lelo ilizwi angàlithethanga uYehova. Úthethé ngokukhukhumala umprofeti lowo; ùze unganxunguphaliswa nguye.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 18