Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 18:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Maze kungàfunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,

11. nobopha ngomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo.

12. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto; kungenxa yaloo masikizi, le nto uYehova uThixo wakho azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.

13. Uze ugqibelele ukuba noYehova uThixo wakho.

14. Kuba ezi ntlanga uzigqogqayo zaphulaphula amatola nabavumisi; ke wena akakunikanga okunjalo uYehova uThixo wakho.

15. UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti ophuma phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam; ize niphulaphule yena;

16. njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho, eHorebhe ngomhla wesikhungu, usithi, Mandingaphindi ndilive ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.

17. Wathi ke uYehova kum, balungisile ukutsho;

18. ndiya kubavelisela umprofeti ephuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe; ndiwabeke amazwi am emlonyeni wakhe, athethe kubo konke endiya kubawisela umthetho ngako.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 18