Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 18:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ababingeleli, abaLevi, sonke isizwe sabaLevi, mabangabi nasabelo nalifa kunye namaSirayeli; bodla ukudla kwasemlilweni ke kukaYehova, nelifa lakhe.

2. Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo; nguYehova ilifa labo, njengoko wathethayo kubo.

3. Soba sesi ke isilunga sababingeleli, esiphuma ebantwini, esiphuma kwababingelela imibingelelo, nokuba yinkomo, nokuba yigusha: bomnika umbingeleli umkhono, nemihlathi, neswili.

4. Wòmnika ulibo lwengqolowa yakho, nolwewayini yakho entsha, nolweoli yakho; noboya bokuqala bomchebo wempahla yakho emfutshane.

5. Ngokuba uYehova uThixo wakho wamnyula ezizweni zakho zonke, ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe, yonke imihla.

6. Xa athe weza umLevi ephuma nakuliphi isango emasangweni akho, kuwo onke amaSirayeli, apho aphambukele khona, weza ngokunqwena konke komphefumlo wakhe kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,

7. walungiselela egameni likaYehova uThixo wakhe, njengabazalwana bakhe bonke abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova:

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 18