Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 17:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kofika kuqala kuye isandla samangqina ukumbulala, kufike isandla sabantu bonke emveni koko; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.

8. Xa ithe yakunqabela indawo ekugwebeni phakathi kwegazi negazi, phakathi kwetyala netyala, phakathi kobetho nobetho, iziindawo ekubanjwene ngazo emasangweni akho: wosuka unyuke uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho;

9. uye kubabingeleli abaLevi, nakumgwebi oya kubakho ngaloo mihla, ubuze, bakuxelele ilizwi lokugweba.

10. Uze wenze ngokwentetho yelizwi abokuxelela lona, bekuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ugcine ukwenza ngako konke abaya kukuyala ngako.

11. Ngokwentetho yomyalelo abaya kukuyala ngayo, nangokwesigwebo abaya kusithetha kuwe, uze wenze, ungatyeki kulo ilizwi abaya kukuxelela, uye ekunene nasekhohlo.

12. Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo: mayife loo ndoda; ubutshàyele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli;

13. bova ke bonke abantu, boyike, bangabi sakhukhumala.

14. Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiya kuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo:

15. Wòzimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.

16. Kodwa makangàzandiseli mahashe, angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe; ngokuba uYehova wathi kuni, Ize ningabi saphinda nibuye ngaloo ndlela.

17. Makangazandiseli bafazi, ize ityeke intliziyo yakhe; angazandiseli kakhulu silivere nagolide.

18. Wóthi, xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yaló myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 17