Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 17:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo: mayife loo ndoda; ubutshàyele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli;

13. bova ke bonke abantu, boyike, bangabi sakhukhumala.

14. Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiya kuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo:

15. Wòzimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.

16. Kodwa makangàzandiseli mahashe, angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe; ngokuba uYehova wathi kuni, Ize ningabi saphinda nibuye ngaloo ndlela.

17. Makangazandiseli bafazi, ize ityeke intliziyo yakhe; angazandiseli kakhulu silivere nagolide.

18. Wóthi, xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yaló myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi.

19. Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze;

20. ukuba ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emthethweni, aye ekunene nasekhohlo; ukuze ayolule imihla ebukumkanini bakhe, yena noonyana bakhe phakathi kwamaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 17