Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 16:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yigcine inyanga enguAbhibhi, wenze ipasika kuYehova uThixo wakho; ngokuba wakukhupha ngenyanga enguAbhibhi uYehova uThixo wakho eYiputa ebusuku.

2. Uze ubingelele ipasika* kuYehova uThixo wakho, impahla emfutshane neenkomo, kuloo ndawo uYehova aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe.

3. Uze ungadli nto inegwele kunye nayo; imihla yoba sixhenxe usidla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka seentsizi, ngokuba waphuma buphuthuphuthu ezweni laseYiputa; ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yokudla kwakho ubomi.

4. Kuze kungàbonwa gwele emideni yakho yonke imihla esixhenxe; ze kungabikho ntwana yanyama, oyibingelelayo ngokuhlwa ngosuku lokuqala, eba ngumbeko kude kuse.

5. Akunako ukuyibingelela ipasika kulimbi isango, emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho;

6. ke kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe, woyibingelela apho ipasika, ngokuhlwa, ukutshona kwelanga, ngexesha owaphuma ngalo eYiputa;

7. uyose, uyidle, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho; ubuye kusasa, uye ezintenteni zakho.

8. Wodla izonka ezingenagwele imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe yingqungquthela kaYehova uThixo wakho; uze ungenzi namnye umsebenzi.

9. Uze uzibalele iiveki ezisixhenxe. Woqala ukuzibalela iiveki ezisixhenxe uthabathela ekulifakeni irhengqa engqoloweni ingekavunwa;

10. wenze umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho ngokomlinganiso wombingelelo wokuqhutywa yintliziyo wesandla sakho, uwunike njengokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho;

11. uvuye phambi koYehova uThixo wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi osemasangweni akho, nomphambukeli, nenkedama, nomhlokokazi ophakathi kwenu, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe uYehova, uThixo wakho.

12. Uze ukhumbule ukuba ube ulikhoboka eYiputa, uyigcine uyenze le mimiselo.

13. Uze uzenzele umthendeleko weminquba imihla esixhenxe, wakukhova ukubutha okusesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 16