Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 15:9-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Uze uzigcine kungabikho butshijolo entliziyweni yakho, uthi, Usondele umnyaka wesixhenxe, umnyaka woyekelelo; libe libi iliso lakho ngakumzalwana wakho olihlwempu, ungamniki nto; aze akhale ngawe kuYehova, ube nesono.

10. Uze umnike, ingabi mbi intliziyo yakho ekumnikeni kwakho; ngokuba ngenxa yale ndawo wókusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.

11. Kuba alisayi kuza lingabikho ihlwempu phakathi kwelizwe elo; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Sivule kakhulu isandla sakho kumzalwana wakho olusizana, olihlwempu lakho ezweni lakho.

12. Xa athe wazithengisa kuwe umzalwana wakho, umHebhere nokuba ngumHebherekazi, wakukhonza iminyaka emithandathu, womndulula ngomnyaka wesixhenxe ekhululekile kuwe.

13. Xa uthe wamndulula ekhululekile kuwe, uze ungamndululi elambatha.

14. Wompha umphe empahleni yakho emfutshane, nasesandéni sakho, nasesixovulelweni sakho; umnike into akusikelelé ngayo uYehova uThixo wakho;

15. ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhulula uYehova uThixo wakho; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ngale nto namhla.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 15