Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 14:24-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho:

25. wòsanana ngemali, uyibophe imali esandleni sakho, uye endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho,

26. uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho.

27. NomLevi osemasangweni akho uze ungamlibali, ngokuba akanasabelo nalifa ndawonye nawe.

28. Ekupheleni kweminyaka emithathu, wòkhupha sonke isishumi songeniselo lwakho lwaloo mnyaka, ulufumbe emasangweni akho;

29. eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 14