12. Eningayi kuzidla zezi: ixhalanga, nosilwangangubo, nonomakhwezana,
13. nesangxa, noontloyiya ngohlobo lwabo;
14. nehlungulu lonke ngohlobo lwalo;
15. nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo;
16. nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi;
17. nengcwangube, nenkqo, nogwidi;
18. nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane.
19. Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli.
20. Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningázidla.
21. Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungámnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungáthengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu.Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
22. Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka;