Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 13:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. eve onke amaSirayeli, oyike, angaphindi enze ububi obunjengobo phakathi kwakho.

12. Xa uthe weva komnye umzi wemizi yakowenu, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uhlale kuwo, kusithiwa,

13. Kuphumé amadoda angamatshijolo phakathi kwakho, awexula abemi bomzi wawo, esithi, Hambani, siye kukhonza thixo bambi, eningabaziyo:

14. wòphengulula, ugocagoce, ubuzise, ucokise; O! iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi phakathi kwakho:

15. uyze ubabulale kuthi tu abemi baloo mzi ngohlangothi lwekrele, uwusingele phantsi, nento yonke ekuwo, kwanenkomo yawo, ngohlangothi lwekrele.

16. Wowabuthela onke amaxhoba awo esazulwini sendawo yawo yembutho, uwutshise ngomlilo loo mzi namaxhoba awo onke, ube lidini elipheleleyo kuYehova uThixo wakho, ube ngumwewe ongunaphakade, ungabi sakhiwa.

17. Esandleni sakho makunganamatheli nento le kwezi zinto zisingelwe phantsi; ukuze abuye uYehova ekuvutheni komsindo wakhe, abe nemfesane kuwe, asikwe yimfesane ngawe, akwandise, njengoko wabafungeláyo ooyihlo;

18. xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, ukuba ukwenze okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 13