Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 12:27-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. wenze amadini akho anyukayo, inyama negazi, esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho; igazi lemibingelelo yakho uligalele esibingelelweni sikaYehova uThixo wakho, uyidle inyama yona.

28. Gcina uwaphulaphule la mazwi onke, ndikuwisela umthetho ngawo, ukuze kulúnge kuwe nakoonyana bakho emva kwakho, kude kuse ephakadeni, xa uthe wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakho.

29. Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla phambi kwakho iintlanga, apho uya kuzigqogqa khona, wazigqogqa ke, wahlala ezweni lazo:

30. zigcine, hleze uthiyelwe uzilandele, emveni kokutshatyalaliswa kwazo phambi kwakho; hleze uquqele koothixo bazo, uthi, Zibe zisithini na ezi ntlanga ukubakhonza oothixo bazo? Ndiya kwenjenjalo nam.

31. Uze ungènjenjalo kuYehova uThixo wakho; kuba yonke into elisikizi kuYehova, ayithiyileyo, ziyenzile koothixo bazo; ngokuba kwanoonyana bazo neentombi zazo zizitshisé emlilweni koothixo bazo.

32. Into yonke endisukuba ndiniwisele umthetho ngayo, ize nigcine ukuyenza; uze ungòngezi kuyo unganciphisi nto.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 12