Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 12:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yiyo le imimiselo namasiko, enowagcina ukuba niwenze ezweni elo, akunika lona uYehova uThixo wooyihlo, ukuba ulimé yonke imihla enidla ngayo ubomi emhlabeni.

2. Zichitheni kuphele zonke iindawo, apho iintlanga enizigqogqayo zabakhonzela khona oothixo bazo, ezintabeni eziphakamileyo, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza;

3. nizidilize izibingelelo zazo, niziqhekeze izimiso zazo zamatye, nibatshise ngomlilo ooAshera* bazo, niyixakaxe imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo, nilicime igama lazo kule ndawo.

4. Ize ke ningenjenjalo kuYehova uThixo wenu.

5. Endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wenu ezizweni zenu zonke, ukuba alimise khona igama lakhe, ukuba ahlale khona, ize niquqele khona, niye khona.

6. Nowasa khona amadini enu anyukayo, nemibingelelo yenu, nezishumi zenu, nomrhumo wesandla senu, nezibhambathiso zenu, nemibingelelo yenu yokuqhutywa yintliziyo, namazibulo eenkomo zenu nawempahla yenu emfutshane;

7. nidle khona phambi koYehova uThixo wenu, nivuye entweni yonke enisa isandla senu kuyo, nina nezindlu zenu, akusikeleleyo kuyo uYehova uThixo wakho.

8. Ize ningenzi ngokwezinto zonke esizenzayo apha namhla, elowo esenza okuthe tye emehlweni akhe;

9. kuba okwangoku anikangeni ekuphumleni oko, naselifeni elo, aninikayo uYehova uThixo wenu.

10. Ke noyiwela iYordan, nihlale ezweni elo, uYehova uThixo wenu aya kunidlisa ilifa kulo, aniphumze ezintshabeni zenu zonke ngeenxa zonke, nihlale nikholosile.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 12