Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 11:8-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ize niwugcine wonke umthetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, ningene nilimé ilizwe elo niwelela kulo, ukuba nilihluthe;

9. ukuze niyolule imihla yenu emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wowunika bona nembewu yabo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.

10. Kuba ilizwe elo uya kulo, usiya kulihlutha, alinjengelizwe laseYiputa, elo naphuma kulo, apho wayihlwayelayo imbewu yakho, waza wayinkcenkcesha ngonyawo lwakho, njengomyezo wemifuno.

11. Ke lona ilizwe eniwelela kulo, nisiya kulihlutha, lilizwe leentaba nezihlambo, elisela amanzi emvula yezulu;

12. lilizwe alikhathaleleyo uYehova uThixo wakho, ahlala ekulo amehlo kaYehova uThixo wakho, ethabathela ekuqaleni komnyaka, ade ase ekupheleni komnyaka.

13. Kothi, ukuba nithe nayiphulaphula ngenyameko imithetho yam endiniwiselayo namhla, yokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke:

14. ndinìnike imvula yelizwe lenu ngexesha layo, ethambisayo nevuthisayo, uhlanganise ingqolowa yakho,

15. newayini yakho entsha, neoli yakho; ndìzinike utyani iinkomo zakho, emadlelweni akho, udle uhluthe.

16. Zigcineni, hleze ikhohliseke intliziyo yenu, nityeke, nikhonze thixo bambi,

17. nibanqule, uvuthe umsindo kaYehova kuni, alivingce izulu kungabikho mvula, umhlaba ungayivelisi indyebo yawo, nibhubhe kamsinya, ningabikho ezweni elihle, aninika lona uYehova.

18. La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu;

19. niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;

20. uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho:

21. ukuze yande imihla yenu, nemihla yoonyana benu, emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wobanika njengemihla yamazulu phezu kwehlabathi.

22. Kuba, ukuba nithe nawugcina ngenyameko lo mthetho wonke ndiniwiselayo ukuba niwenze, nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, ninamathele kuye;

23. wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 11