Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 11:19-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;

20. uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho:

21. ukuze yande imihla yenu, nemihla yoonyana benu, emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wobanika njengemihla yamazulu phezu kwehlabathi.

22. Kuba, ukuba nithe nawugcina ngenyameko lo mthetho wonke ndiniwiselayo ukuba niwenze, nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, ninamathele kuye;

23. wozigqogqa uYehova ezo ntlanga zonke phambi kwenu, nigqogqe iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunani.

24. Indawo yonke, enyathelwa yintende yonyawo lwenu, yoba yeyenu; kuthabathela entlango, naseLebhanon, nasemlanjeni, emlanjeni ongumEfrati, kuse elwandle lwasentshonalanga, ingumda wenu.

25. Akukho mntu uya kuma phambi kwenu; ukunkwantya nini, nokoyika nina, wòkubeka uYehova uThixo wenu ezweni lonke enilinyatheleyo, njengoko wathethayo kuni.

26. Yabonani, ndibeka phambi kwenu namhla intsikelelo nesiqalekiso:

27. intsikelelo, ukuba nithé nayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwiselayo namhla;

28. isiqalekiso, ukuba nithe anayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wenu, nesuka natyeka endleleni leyo ndiniwisele umthetho ngayo namhla, nalandela thixo bambi eningabazanga.

29. Kothi, xa athe uYehova, uThixo wakho, wakungenisa kulo ilizwe oya kulo, usiya kulima, uyikhuphele intsikelelo phezu kwentaba yeGerizim, nesiqalekiso phezu kwentaba ye-Ebhali.

30. Ezo ntaba àziphesheya kweYordan na, ngaphaya kwendlela eya entshonalanga, ezweni lamaKanan, amiyo eArabha, malungana neGilgali, ecaleni leMioki* kaMore?

31. Kuba niya kuwela iYordan, nisiya kulihlutha ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, nilihluthe ke nime kulo.

32. Gcinani, niyenze yonke imimiselo namasiko endiwabekayo phambi kwenu namhla.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 11