Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 11:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko ke uze umthande uYehova uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, nemithetho yakhe, imihla yonke.

2. Yazini ke namhla; ngokuba andithethi noonyana benu abangakwazanga, abangakubonanga ukuqeqesha kukaYehova uThixo wenu, ubukhulu bakhe, nesandla sakhe esithe nkqi, nengalo yakhe eyolukileyo, nemiqondiso yakhe,

3. nezenzo zakhe abezenzile phakathi kweYiputa kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwilizwe lakhe lonke;

4. noko wakwenzayo empini yamaYiputa, emahasheni ayo, nasezingqwelweni zayo zokulwa; oko wahambisa amanzi oLwandle oluBomvu* phezu kwayo, ekunisukeleni kwayo, wayicima uYehova unanamhla;

5. noko wakwenzayo kuni entlango, nada nafika kule ndawo;

6. noko wakwenzayo kooDatan noAbhiram, oonyana bakaEliyabhi unyana kaRubhen; ukuba umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, neentente zabo, nento yonke ephilileyo eyabalandelayo, àbabakho phakathi kwamaSirayeli onke.

7. Ngokuba amehlo enu azibonile zonke izenzo zikaYehova ezikhulu awazenzayo.

8. Ize niwugcine wonke umthetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, ningene nilimé ilizwe elo niwelela kulo, ukuba nilihluthe;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 11