Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 10:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha wathi uYehova kum, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi;

2. ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, lawo wawaqhekezayo; uwabeke etyeyeni.

3. Ndenza ke ityeya ngomngampunzi, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala; ndenyuka ndaya entabeni, ndinawo amacwecwe amabini esandleni sam.

4. Wawabhala ke emacwecweni ngokombhalo wokuqala amazwi alishumi, abewathethile uYehova kuni entabeni, phakathi komlilo, ngomhla wesikhungu; uYehova wandinika wona.

5. Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.

6. Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.

7. Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.

8. Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 10