Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 1:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. UYehova uThixo wethu wathetha kuthi eHorebhe, wathi, Kukade nihleli kule ntaba.

7. Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati.

8. Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungáyo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.

9. Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa.

10. UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu.

11. UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni.

12. Ndingáthini na ukubuthwala ndedwa ubunzima benu, nomthwalo wenu, nembambano yenu?

13. Zikhangeleleni amadoda alumkileyo, aziingqondi, aziwayo, ngokwezizwe zakomawenu, ndiwamise abe ziintloko zenu.

14. Nandiphendula nathi, Ilizwi olithethileyo lilungile ukuba silenze.

15. Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, aziwayo, ndawamisa ába ziintloko phezu kwenu: abathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli-mashumi ngamahlanu, nabathetheli-mashumi ngamanye, nabaphathi, ngokwezizwe zakomawenu.

16. Ndabawisela umthetho abaphathi benu ngelo xesha, ndathi, Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa phakathi komntu nomzalwana wakhe, nowasemzini okuye.

17. Ize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu; ize nimphulaphule omncinane njengomkhulu, ninganxunguphaliswa bubuso bomntu; ngokuba ukugweba oku kokukaYehova. Indawo eninqabeleyo noyizisa kum, ndiyive.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 1