Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 1:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Emveni kokumbulala kwakhe uSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, obemi eAshtaroti nase-Edreyi,

5. phesheya kweYordan ezweni lakwaMowabhi, waqala uMoses ukubaqononondisa lo myalelo, esithi:

6. UYehova uThixo wethu wathetha kuthi eHorebhe, wathi, Kukade nihleli kule ntaba.

7. Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati.

8. Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungáyo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.

9. Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa.

10. UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu.

11. UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 1