34. Waliva uYehova ilizwi lokuthetha kwenu, wanoburhalarhume, wafunga, esithi,
35. Akukho ndoda, kula madoda esi sizukulwana singendawo, iya kukha ilibone ilizwe elihle, elo ndafungayo ukuba ndolinika ooyihlo,
36. ingenguKalebhi unyana kaYefune; wólibona yena. Ndiya kumnika ilizwe awanyathela phezu kwalo, yena noonyana bakhe, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova.
37. Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona.