Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 1:32-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Kanti ke nakwelo zwi anikholwanga nguYehova uThixo wenu,

33. ohamba phambi kwenu endleleni, ukuba anihlolele indawo yokumisa iintente zenu, ngomlilo ebusuku; anibonise indlela enohamba ngayo, ngelifu emini.

34. Waliva uYehova ilizwi lokuthetha kwenu, wanoburhalarhume, wafunga, esithi,

35. Akukho ndoda, kula madoda esi sizukulwana singendawo, iya kukha ilibone ilizwe elihle, elo ndafungayo ukuba ndolinika ooyihlo,

36. ingenguKalebhi unyana kaYefune; wólibona yena. Ndiya kumnika ilizwe awanyathela phezu kwalo, yena noonyana bakhe, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova.

37. Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona.

38. UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli.

39. Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo.

40. Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.

41. Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 1