Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 1:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ajika ke, enyuka aya entabeni, ada afika esihlanjeni sakwaEshkoli, asihlola.

25. Athabatha isiqhamo selo zwe ngesandla sawo, asiphathela, asizisela ilizwi, athi, Lilizwe elihle asinikayo uYehova uThixo wethu.

26. Kanti noko anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu.

27. Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wásikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.

28. Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.

29. Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki.

30. NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 1