Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 8:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Akufika uGidiyon eYordan, ewela enamadoda amakhulu mathathu, etyhafile, esasukela noko,

5. wathi kumadoda aseSukoti, Khanibaphe abantu aba bandilandelayo iintendana zezonka, ngokuba batyhafile; ndisukela uZebha noTsalimuna, ookumkani bamaMidiyan.

6. Bathi abathetheli baseSukoti, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwunike umkhosi wakho isonka?

7. Wathi uGidiyon, Xa kunjalo, ákubanikela uYehova ooZebha noTsalimuna esandleni sam, ndoyibhalula inyama yenu ngemithana enameva yasentlango, nangamakhakakhaka.

8. Wenyuka khona, waya ePenuweli, wathetha kubo kwangokunjalo. Bamphendula abantu basePenuweli njengoko bamphendula ngako abantu baseSukoti.

9. Watsho nakubantu basePenuweli, ukuthi, Ekubuyeni kwam ngoxolo ndoyidiliza le nqaba inde.

10. Ke kaloku uZebha noTsalimuna bebeseKarkore, benemikhosi yabo, ngathi ngamawaka alishumi elinamahlanu ewonke amadoda, abesele kwimikhosi yonke yabasempumalanga. Kwakuwé amadoda alikhulu elinamanci mabini amawaka, arhola ikrele.

11. Wenyuka uGidiyon ngendlela yabahlala ezintenteni, ngasempumalanga kweNobha neYogebheha, wayibulala impi; impi leyo ibingaxhalele nto.

12. Basaba ooZebha noTsalimuna; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bamaMidiyan, ooZebha noTsalimuna; wayothusa yonke impi.

13. Wabuya uGidiyon unyana kaYowashe emfazweni, evela eqhineni leHeheres,

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 8