Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 8:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wawathabatha amadoda amakhulu aloo mzi, nemithana enameva yasentlango namakhakakhaka, wawaqondisa ngayo amadoda aseSukoti.

17. Wayidiliza nenqaba ende yasePenuweli, wababulala abantu baloo mzi.

18. Wathi kuZebha noTsalimuna, Ebenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi, Abenjengawe, elowo enesithomo sonyana wokumkani.

19. Wathi, Babengabazalwana bam abo, oonyana bakama. Ehleli nje uYehova, ukuba benibasindisile, ngendingànibulali.

20. Wathi kuYetere owamazibulo kuye, Suk' ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.

21. Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk' ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.

22. Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.

23. Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.

24. Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni; ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 8