Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 8:10-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke kaloku uZebha noTsalimuna bebeseKarkore, benemikhosi yabo, ngathi ngamawaka alishumi elinamahlanu ewonke amadoda, abesele kwimikhosi yonke yabasempumalanga. Kwakuwé amadoda alikhulu elinamanci mabini amawaka, arhola ikrele.

11. Wenyuka uGidiyon ngendlela yabahlala ezintenteni, ngasempumalanga kweNobha neYogebheha, wayibulala impi; impi leyo ibingaxhalele nto.

12. Basaba ooZebha noTsalimuna; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bamaMidiyan, ooZebha noTsalimuna; wayothusa yonke impi.

13. Wabuya uGidiyon unyana kaYowashe emfazweni, evela eqhineni leHeheres,

14. wabamba indodana yabantu baseSukoti, wayibuza; yambalela abathetheli baseSukoti, namadoda amakhulu akhona, amadoda amashumi asixhenxe anesixhenxe.

15. Weza ebantwini baseSukoti, wathi, Naba ooZebha noTsalimuna, enibe nindingcikiva ngabo, nisithi, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwanike isonka amadoda akho atyhafileyo?

16. Wawathabatha amadoda amakhulu aloo mzi, nemithana enameva yasentlango namakhakakhaka, wawaqondisa ngayo amadoda aseSukoti.

17. Wayidiliza nenqaba ende yasePenuweli, wababulala abantu baloo mzi.

18. Wathi kuZebha noTsalimuna, Ebenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi, Abenjengawe, elowo enesithomo sonyana wokumkani.

19. Wathi, Babengabazalwana bam abo, oonyana bakama. Ehleli nje uYehova, ukuba benibasindisile, ngendingànibulali.

20. Wathi kuYetere owamazibulo kuye, Suk' ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.

21. Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk' ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.

22. Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 8