Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 7:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wafika ke uGidiyon, nekhulu lamadoda elinaye, ekupheleni kwempi, ekuqalekeni komlindo ophakathi kobusuku, bákuth' ukuthi ukumiswa abalindi. Lavuthela ngezigodlo, liyiqhekeza imiphanda esezandleni zalo.

20. Avuthela ke ngezigodlo amaqela omathathu, ayiqhekeza imiphanda; aziphatha izibane ezivuthayo ngezandla zawo zokhohlo, awaphatha amaxilongo ngezandla zawo zokunene, ukuba avuthele; adanduluka esithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!

21. Ema onke ezindaweni zawo ngeenxa zonke empini. Yasaba yonke impi, yakhala, yasabisa.

22. Amakhulu omathathu avuthela ngezigodlo. UYehova walibhekisa ikrele lendoda kummelwane wayo, nakwimpi yonke; yasaba impi, yasinga eBhete-shita ngaseTserera, yasinga emdeni weAbhele-mehola ngaphaya kweTabhata.

23. Wahlatyelwa umkhosi, weza umntu wakwaSirayeli ephuma kwaNafetali, nakwa-Ashere, nakuManase wonke, wawasukela amaMidiyan.

24. UGidiyon wathuma abathunywa kweleentaba lonke lakwaEfrayim, esithi, Yihlani niwahlangabeze amaMidiyan, niwaphangele ukuthabatha amanzi, nise eBhete-bhara neYordan. Wahlatywa umkhosi, beza abantu bonke bakwaEfrayim, baphangela ukuwathabatha amanzi lawo, besa eBhete-bhara neYordan.

25. Bababamba abathetheli ababini bamaMidiyan, uOrebhe noZebhe; bambulalela uOrebhe eweni likaOrebhe, uZebhe bambulalela esixovulelweni sikaZebhe, bawasukela amaMidiyan. Beza nentloko kaOrebhe nekaZebhe kuGidiyon phesheya kweYordan.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 7