Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 7:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wavuka kusasa uYerubhahali (nguGidiyon ke lowo), nabantu bonke naye, bamisa emantloko omthombo weHarodi; ke umkhosi wamaMidiyan wawungakuye, ngasentla kwenduli yakwaMore, entilini.

2. Wathi uYehova kuGidiyon, Baninzi abantu abanawe, kunokuba ndiwànikele amaMidiyan esandleni sabo; hleze amaSirayeli aqhayise, athi, Sisindiswe sisandla sethu.

3. Khawudanduluke ke ngoko ezindlebeni zabantu, uthi, Owoyikayo nogubhayo makabuye, makanyebeleze emke ezintabeni zeGiliyadi. Kwabuya ke kubo abantu abangamawaka angamashumi omabini anamabini; kwasala amawaka alishumi.

4. Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angahambi nawe yena.

5. Wehla nabantu waya emanzini; wathi uYehova kuGidiyon, Bonke abasukuba bekramncela amanzi ngolwimi lwabo, njengoko ixhaphayo inja, uze ubamise bodwa; bonke abasukuba beguqa ngamadolo abo ukuba basele, uze ubamise bodwa.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 7