Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 6:4-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. benyuka, bawafikela, bawangqinga, bayonakalisa indyebo yelizwe kwada kwaya eGaza, àbashiya nto idliwayo kwaSirayeli, nagusha, nankomo, naesile.

5. Ngokuba bebenyuka bona nemfuyo yabo, neentente zabo, beza bénjengeenkumbi ukuba baninzi, ababa nakubalwa, bona neenkamela zabo; balingena ilizwe ukuba balonakalise.

6. Abhitya kunene amaSirayeli ngenxa yamaMidiyan. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.

7. Kwathi, bakukhala oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa yamaMidiyan,

8. uYehova wathuma indoda engumprofeti koonyana bakaSirayeli; yathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndaninyusa mna eYiputa, ndanikhupha endlwini yobukhoboka;

9. ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sabaxini benu bonke, ndabagxotha phambi kwenu, ndaninika ilizwe labo;

10. ndathi kuni, NdinguYehova, uThixo wenu; ningaboyiki oothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo; ànaliphulaphula izwi lam.

11. Kweza isithunywa sikaYehova, sahlala phantsi komoki* obuseOfra, kaYowashe umAbhihezere. Ke uGidiyon, unyana wakhe, wayebhula ingqolowa esixovulelweni, ukuze ayifihle kumaMidiyan.

12. Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, sathi kuye, UYehova unawe, gorhandini linobukroti.

13. Wathi uGidiyon kuso, Camagu, Nkosi yam; ukuba uYehova unathi, yini na ukuba kusihlele konke oku? Iphi na yonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo, ababesibalisela ngayo oobawo, besithi, Sasinganyuswanga nguYehova na eYiputa? Kungoku uYehova usilahlile, wasinikela esandleni samaMidiyan.

14. Wabheka ke uYehova kuye, wathi, Hamba ngala mandla akho, uwasindise amaSirayeli esandleni samaMidiyan.

15. Akuthunywe ndim yini na? Wathi yena kuye, Camagu, Nkosi yam, ndowasindisa ngantoni na amaSirayeli? Khangela, umzi wakowethu ngowona uphantsi kwaManase, nam ndinguyena mncinane endlwini kabawo.

16. Wathi uYehova kuye, Ndiya kuba nawe, uwabulale amaMidiyan njengandoda-nye.

17. Wathi kuye, Ukuba ndibabalwe nguwe, khawundenzele umqondiso wokuba nguwe othetha nam.

18. Musa ukumka apha, ndide ndize kuwe, ndirhole umnikelo wam, ndiwubeke phambi kwakho.

19. Wathi, Ndohlala mna, ude ubuye. UGidiyon waya walungisa itakane lebhokhwe, nezonka ezingenagwele ze-efa* yomgubo ocoliweyo; inyama wayibeka engobozini, umhluzi wawugalela embizeni, wazisa kuye phantsi komoki, wasondeza.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 6