Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 6:36-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Wathi uGidiyon kuThixo, Ukuba ùyawasindisa amaSirayeli ngesandla sam,

37. njengoko uthethileyo, nanku ndibeké uboya obuchetyiweyo esandéni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.

38. Kwaba njalo ke. Wavuka kusasa ngengomso, wabukhamanga uboya, wawukhama umbethe eboyeni, kwazala indebe ngamanzi.

39. Wathi uGidiyon kuThixo, Mawungavuthi umsindo wakho kum, ndakuthetha okwesi sihlandlo sodwa; makhe ndilinge okwesi sihlandlo sodwa ngoboya, kome uboya bodwa, umbethe ube semhlabeni wonke.

40. Wenjenjalo uThixo ngobo busuku: koma uboya bodwa, umbethe waba semhlabeni wonke.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 6