Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 6:33-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.

34. UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.

35. Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.

36. Wathi uGidiyon kuThixo, Ukuba ùyawasindisa amaSirayeli ngesandla sam,

37. njengoko uthethileyo, nanku ndibeké uboya obuchetyiweyo esandéni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 6