Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 6:30-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Athi amadoda aloo mzi kuYowashe, Khupha unyana wakho, afe; ngokuba úsidilizile isibingelelo sikaBhahali, wamgawula uAshera obengakuso.

31. Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba únguThixo, makazithethele, ngokuba sídiliziwe isibingelelo sakhe.

32. Kwathiwa loo mini unguYerubhahali,* kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.

33. Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.

34. UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.

35. Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.

36. Wathi uGidiyon kuThixo, Ukuba ùyawasindisa amaSirayeli ngesandla sam,

37. njengoko uthethileyo, nanku ndibeké uboya obuchetyiweyo esandéni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.

38. Kwaba njalo ke. Wavuka kusasa ngengomso, wabukhamanga uboya, wawukhama umbethe eboyeni, kwazala indebe ngamanzi.

39. Wathi uGidiyon kuThixo, Mawungavuthi umsindo wakho kum, ndakuthetha okwesi sihlandlo sodwa; makhe ndilinge okwesi sihlandlo sodwa ngoboya, kome uboya bodwa, umbethe ube semhlabeni wonke.

40. Wenjenjalo uThixo ngobo busuku: koma uboya bodwa, umbethe waba semhlabeni wonke.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 6