Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 6:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathi uYehova kuye, Ndiya kuba nawe, uwabulale amaMidiyan njengandoda-nye.

17. Wathi kuye, Ukuba ndibabalwe nguwe, khawundenzele umqondiso wokuba nguwe othetha nam.

18. Musa ukumka apha, ndide ndize kuwe, ndirhole umnikelo wam, ndiwubeke phambi kwakho.

19. Wathi, Ndohlala mna, ude ubuye. UGidiyon waya walungisa itakane lebhokhwe, nezonka ezingenagwele ze-efa* yomgubo ocoliweyo; inyama wayibeka engobozini, umhluzi wawugalela embizeni, wazisa kuye phantsi komoki, wasondeza.

20. Sathi kuye isithunywa sikaThixo, Thabatha inyama nezonka ezingenagwele, uzibeke phezu kweli litye, uwuphalazele kulo umhluzi. Wenjenjalo.

21. Saza isithunywa sikaYehova sesa incam yentonga esesandleni saso, sachukumisa inyama nezonka ezingenagwele; wenyuka umlilo elityeni, wayidla inyama nezonka ezingenagwele, saza isithunywa sikaYehova semka ke emehlweni akhe.

22. Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.

23. UYehova wathi kuye, Uxolo malube kuwe; musa ukoyika, akuyi kufa.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 6