Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 5:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Kwafika ookumkani, balwa,Baza ookumkani bakwaKanan balwaETahanaki, ngasemanzini aseMegido;Àbathimba neqhosha lesilivere.

20. Zalwa ezulwini,Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.

21. Umlanjana waseKishon wabakhukulisa,Umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon.Nyathela ngamandla, mphefumlo wam.

22. Aza angqisha ke ngamanqina amahasheNgokuphala, ngokuphala anamandla kuwo.

23. Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova,Qalekisani, qalekisani abemi bakhona.Ngokuba bengezanga kunceda uYehova,Kunceda uYehova phakathi kwamagorha.

24. Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli,UmkaHebhere umKeni.Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni.

25. Wacela amanzi, wamnika amasi,Ngesitya sezinhanha wasondeza ingqaka.

26. Wasa isandla sakhe esikhonkwaneni,Wasa esokunene esandweni sabasebenza kanzima,Wamkhanda uSisera, wamhlekeza intloko,Wamhlaba, wambhodloza ezintlafunweni.

27. Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa, walala phantsi.Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa;Apho waguqa khona, wawa ephelile.

28. Walunguza ngefestile, wamemezaNgesithuba unina kaSisera, wathi,Ilibele yini na inqwelo yakhe yokulwa, ingafiki nje?Zihlaleleni na iinqwelo zakhe zomkhosi, zingahlokomi nje?

29. Aphendule alumkileyo amakhosazana akhe —Ke yena aphinde kwaelakhe, ethetha yedwa, athi,

30. Àbafumene na? Àbâbi amaxhoba na?Yintombi, ziintombi ngambini kwintloko yendoda?Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele kuSisera?Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele, eengubo ezilukwe zamfakamfele?Yingubo emfakamfele, ziingubo ezimbini ezilukwe zamfakamfele ezintanyeni zamaxhoba?

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 5