Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 5:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Vuka, vuka, Debhora!Vuka, vuka, hlaba ingoma!Suk' ume, Bharaki, thimba abathinjwa bakho, nyana ka-Abhinowam.

13. Yihlani ke, maqongqolo aziingangamsha, ningabantu;Yehova, ndíhlele phakathi kwamagorha.

14. Avela kwaEfrayim angcambu ikwa-Amaleki,Emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwezizwe zakowenu;Kwehla kwaMakire abamisi-mthetho,KwaZebhulon umqikela unomnqayi wombhali wempi.

15. KwaIsakare abathetheli kunye noDebhora,NjengoIsakare, ukwanjalo uBharaki;Bagaleleka entilini, bamlandela.Emijelweni yakwaRubhenYaba kukusongela okukhulu kwentliziyo.

16. Ubuhlaleleni na phakathi kwezibaya,Uphulaphula amakhwelo emihlambini?Emijelweni yakwaRubhenYaba kukugocagoca okukhulu kwentliziyo.

17. UGiliyadi phesheya kweYordan walala, àkalwa;UDan ke yena walibala yini na ngasezinqanaweni?UAshere wahlala ngaselunxwemeni lolwandle.Walala phantsi ngasemachwebeni alo, àkalwa.

18. AmaZebhulon ngabantu ababenza isichenge ubomi babo ekufeni,NamaNafetali, ezindaweni eziphakamileyo zelizwe.

19. Kwafika ookumkani, balwa,Baza ookumkani bakwaKanan balwaETahanaki, ngasemanzini aseMegido;Àbathimba neqhosha lesilivere.

20. Zalwa ezulwini,Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.

21. Umlanjana waseKishon wabakhukulisa,Umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon.Nyathela ngamandla, mphefumlo wam.

22. Aza angqisha ke ngamanqina amahasheNgokuphala, ngokuphala anamandla kuwo.

23. Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova,Qalekisani, qalekisani abemi bakhona.Ngokuba bengezanga kunceda uYehova,Kunceda uYehova phakathi kwamagorha.

24. Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli,UmkaHebhere umKeni.Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 5