Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 4:7-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndomtsalela kuwe emlanjaneni waseKishon uSisera, umthetheli womkhosi kaYabhin, neenqwelo zakhe zokulwa, nengxokolo yakhe; ndimnikele esandleni sakho.

8. Wathi uBharaki kuye, Ukuba ùthe wahamba nam, ndohamba; ukuba akuthanga uhambe nam, andiyi kuhamba.

9. Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 4