Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 3:28-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, àbavuma ukuba kuwele mntu.

29. Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angáthi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda.

30. Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.

31. Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 3