Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 3:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Weza uEhude kuye, ehleli egumbini eliphezulu elinempepho, elibe lilelakhe yedwa. Wathi uEhude, Ndinelizwi likaThixo eliza kuwe; wesuka esihlalweni.

21. UEhude wasolula isandla sakhe sokhohlo, walithabatha ikrele ethangéni lakhe lokunene, walifaka esiswini sakhe.

22. Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.

23. Waphuma uEhude waya evarandeni,* wazivala iingcango zegumbi elo liphezulu, wamvalela, wazitshixa.

24. Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, Fanel' ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho.

25. Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.

26. UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira.

27. Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, éphambi kwabo yena.

28. Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, àbavuma ukuba kuwele mntu.

29. Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angáthi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda.

30. Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.

31. Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 3