Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 3:11-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mané. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.

12. Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enzé ububi emehlweni kaYehova.

13. Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.

14. Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.

15. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele. Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.

16. UEhude wazenzela ikrele elintlangothi mbini, liyikubhite* ubude balo, walinxiba phantsi kwengubo yakhe ethangéni lakhe lokunene.

17. Wawusondeza umnikelo kuEglon ukumkani wamaMowabhi: ke uEglon ebengumfo onengxeba.

18. Kwathi, akugqiba ukuwusondeza umnikelo, wabandulula abantu ababewuthwele umnikelo lowo.

19. Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu. Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye.

20. Weza uEhude kuye, ehleli egumbini eliphezulu elinempepho, elibe lilelakhe yedwa. Wathi uEhude, Ndinelizwi likaThixo eliza kuwe; wesuka esihlalweni.

21. UEhude wasolula isandla sakhe sokhohlo, walithabatha ikrele ethangéni lakhe lokunene, walifaka esiswini sakhe.

22. Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.

23. Waphuma uEhude waya evarandeni,* wazivala iingcango zegumbi elo liphezulu, wamvalela, wazitshixa.

24. Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, Fanel' ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho.

25. Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 3