Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 21:14-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Abuya ke amaBhenjamin ngelo xesha; lawanika amankazana ebeliwasindisile kumankazana aseYabheshe yaseGiliyadi; akawalingana, noko angako.

15. Abantu bazohlwaya ngenxa kaBhenjamin; ngokuba uYehova ebenze uthanda ezizweni zakwaSirayeli.

16. Athi amadoda amakhulu ebandla, Siya kubathini na abaseleyo ngabafazi, etshabalele nje amankazana kwaBhenjamin?

17. Athi, Ilifa labasindileyo malibe lelakwaBhenjamin, kungacinywa sizwe kwaSirayeli.

18. Ke thina asinakubanika bafazi ezintombini zethu; ngokuba oonyana bakaSirayeli bafungile besithi, Uqalekisiwe onika umBhenjamin umfazi.

19. Athi, Niyabona, kukho umthendeleko kaYehova iminyaka ngeminyaka eShilo, engasentla yeBheteli, ngasempumalanga komendo ovela eBheteli, onyuka uye kwaShekem, nangasezantsi kweLebhona.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 21