Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 21:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Afumana kubemi baseYabheshe yaseGiliyadi amankazana angamakhulu amané aziintombi, angazani nandoda ngokulala nayo, awazisa eminqubeni eShilo, eselizweni lamaKanan.

13. Lathumela lonke ibandla, lathetha noonyana bakaBhenjamin ababesengxondorheni yeRimon, lamemeza kubo lathi lixolile.

14. Abuya ke amaBhenjamin ngelo xesha; lawanika amankazana ebeliwasindisile kumankazana aseYabheshe yaseGiliyadi; akawalingana, noko angako.

15. Abantu bazohlwaya ngenxa kaBhenjamin; ngokuba uYehova ebenze uthanda ezizweni zakwaSirayeli.

16. Athi amadoda amakhulu ebandla, Siya kubathini na abaseleyo ngabafazi, etshabalele nje amankazana kwaBhenjamin?

17. Athi, Ilifa labasindileyo malibe lelakwaBhenjamin, kungacinywa sizwe kwaSirayeli.

18. Ke thina asinakubanika bafazi ezintombini zethu; ngokuba oonyana bakaSirayeli bafungile besithi, Uqalekisiwe onika umBhenjamin umfazi.

19. Athi, Niyabona, kukho umthendeleko kaYehova iminyaka ngeminyaka eShilo, engasentla yeBheteli, ngasempumalanga komendo ovela eBheteli, onyuka uye kwaShekem, nangasezantsi kweLebhona.

20. Abawisela oonyana bakaBhenjamin umthetho, esithi, Hambani niye kulalela ezidiliyeni;

21. yabonani, nikhángele; ukuba zithe zaphuma iintombi zaseShilo, zingqungqa, zibetha ingqongqo, ze niphume ezidiliyeni, nizithele hlasi elowo umkakhe ezintombini zaseShilo, niye ezweni lakwaBhenjamin.

22. Kothi, xa ooyise nabanakwazo bazé kubambana nathi, sithi kubo, Sibabaleni ngazo; ngokuba singàbathabathelanga elowo umkakhe ekulweni; ngokuba anibanikanga nina, okanye beniya kuba netyala.

23. Benjenjalo oonyana bakaBhenjamin, bazeka abafazi ngokwenani labo kwezo zazingqungqa, bazixhakamfuláyo; bahamba babuyela elifeni labo, bákha imizi, bahlala kuyo.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 21