Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 21:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku amadoda amadoda akwaSirayeli abefungile eMizpa, esithi, Akukho kúthi uya kunika umBhenjamin intombi yakhe ibe ngumfazi.

2. Baya abantu eBheteli, bahlala khona kwada kwahlwa phambi koThixo, baliphakamisa izwi labo, batsho ngesililo esikhulu.

3. Bathi, Kungani na, Yehova, Thixo kaSirayeli, ukuthi kuhle oku kwaSirayeli, ukuba esinye isizwe singabikho namhla kwaSirayeli?

4. Kwathi ngengomso, bavuka kusasa abantu, bakha isibingelelo khona, benyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo.

5. Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga eze ebandleni kuYehova? Ngokuba ubefungelwe kakhulu onganyukanga eze kuYehova eMizpa, ngokuthi, Makabulawe afe.

6. Babezohlwaya oonyana bakaSirayeli ngenxa kaBhenjamin umninawa wabo, besithi, Namhla sínqanyulwe esinye isizwe kwaSirayeli;

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 21