Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 21:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku amadoda amadoda akwaSirayeli abefungile eMizpa, esithi, Akukho kúthi uya kunika umBhenjamin intombi yakhe ibe ngumfazi.

2. Baya abantu eBheteli, bahlala khona kwada kwahlwa phambi koThixo, baliphakamisa izwi labo, batsho ngesililo esikhulu.

3. Bathi, Kungani na, Yehova, Thixo kaSirayeli, ukuthi kuhle oku kwaSirayeli, ukuba esinye isizwe singabikho namhla kwaSirayeli?

4. Kwathi ngengomso, bavuka kusasa abantu, bakha isibingelelo khona, benyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo.

5. Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga eze ebandleni kuYehova? Ngokuba ubefungelwe kakhulu onganyukanga eze kuYehova eMizpa, ngokuthi, Makabulawe afe.

6. Babezohlwaya oonyana bakaSirayeli ngenxa kaBhenjamin umninawa wabo, besithi, Namhla sínqanyulwe esinye isizwe kwaSirayeli;

7. sìya kubathini na abaseleyo ngabo abafazi, sifungé uYehova nje thina, ukuba asiyi kubanika ezintombini zethu zibe ngabafazi?

8. Bathi ke, Sisiphi na isizwe sakwaSirayeli esinganyukanga size kuYehova eMizpa? Nanko ke eYabheshe yaseGiliyadi kungezanga ndoda eminqubeni ebandleni.

9. Babàlwa abantu, nanko kungabangakho nanye indoda yabemi beYabheshe yaseGiliyadi khona.

10. Ibandla lathumela khona ishumi elinamabini lamawaka amadoda kubafo abanobukroti, lawawisela umthetho, lisithi, Hambani niye kubulala abemi baseYabheshe yaseGiliyadi ngohlangothi lwekrele, abafazi nabantwana.

11. Nantsi into enoyenza: yonke into eyindoda, nento yonke eyinkazana eyazene nendoda ngokulalwa yiyo, noyisingela phantsi.

12. Afumana kubemi baseYabheshe yaseGiliyadi amankazana angamakhulu amané aziintombi, angazani nandoda ngokulala nayo, awazisa eminqubeni eShilo, eselizweni lamaKanan.

13. Lathumela lonke ibandla, lathetha noonyana bakaBhenjamin ababesengxondorheni yeRimon, lamemeza kubo lathi lixolile.

14. Abuya ke amaBhenjamin ngelo xesha; lawanika amankazana ebeliwasindisile kumankazana aseYabheshe yaseGiliyadi; akawalingana, noko angako.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 21