Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 20:34-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Kwavela malungana neGibheha ishumi lamawaka amadoda ahleliweyo kumaSirayeli onke; ukulwa kwashushu; babengazi bona ukuba ububi bubafikele.

35. UYehova wawabulala amaBhenjamin phambi kwamaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli batshabalalisa kwaBhenjamin ngaloo mini amashumi amabini anesihlanu amawaka anekhulu lamadoda; lawo onke ngárhola ikrele.

36. Ke kaloku oonyana bakaBhenjamin babona ukuba boyisiwe, ukuba amadoda akwaSirayeli ayehlehla phambi kwamaBhenjamin, ngokuba abekholose ngabalaleli ababebabeke eGibheha.

37. Abalaleli bakhawuleza, bagaleleka eGibheha, batsalela kuyo abalaleli, bawubulala wonke umzi ngohlangothi lwekrele.

38. Ke kaloku ibhunga lamadoda akwaSirayeli nabalaleli laye libe lelokuthi, Qhumisani kakhulu umsi, unyuke kuloo mzi.

39. Ajika ke amadoda akwaSirayeli ekulweni, akuba ebeqalile amaBhenjamin ukubulala iingxwelerha phakathi kwamadoda akwaSirayeli, amodada akumashumi amathathu; ngokuba abesithi, Abethiwe ngenene wona phambi kwethu, njengokulwa kokuqala.

40. Wakuba umsi uqalile ukunyuka emzini, ungumqulu womsi, amaBhenjamin abheka emva kwawo, nango umzi wonke unyuka usiya ezulwini ungumsi.

41. Aphethula amadoda akwaSirayeli, akhwankqiswa amadoda akwaBhenjamin; ngokuba abona ukuba afikelwe bububi.

42. Ajika ke phambi kwamadoda akwaSirayeli, abheka endleleni yentlango. Ukulwa kwathana mbende nawo, besuka nabemi bemizi bawatshabalalisa kuyo.

43. Bawarhawula amaBhenjamin, bawasukela, bawanyathelela phantsi endaweni yokuphumla, besa malunga neGibheha ngecala eliphuma ilanga.

44. Kwawa kumaBhenjamin ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke ke lawo ingamadoda anobukroti.

45. Ajika ke, asabela entlango, engxondorheni yeRimon. Bacholachola ke kuwo emendweni amawaka amahlanu amadoda; bathana mbende nawo bada besa eGidiyom, babulala kuwo amawaka amabini amadoda.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 20