Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 20:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Izizwe zakwaSirayeli zathuma amadoda kwimizalwane yonke yakwaBhenjamin, zisithi, Bububi buni na obu, benziweyo phakathi kwenu?

13. Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Àbavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.

14. Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli.

15. Babàlwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwáyo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe.

16. Kwaba bantu bonke bekukho amakhulu asixhenxe amadoda ahleliweyo angamanxele, onke enokusawula ngelitye, achane angaphosi.

17. Ke amadoda akwaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, abebalwe aba ngamawaka angamakhulu amané amadoda arhola ikrele; onke lawo ingamadoda okulwa.

18. Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyùke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda.

19. Besuka oonyana bakaSirayeli kusasa, bayingqinga iGibheha.

20. Aphuma amadoda akwaSirayeli, aya kulwa namaBhenjamin. Amadoda akwaSirayeli ákha uluhlu lokulwa nawo ngaseGibheha.

21. Baphuma oonyana bakaBhenjamin eGibheha, bavunela phantsi ngaloo mini kumaSirayeli amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.

22. Bazomeleza abantu, amadoda akwaSirayeli, baphinda bákha uluhlu lokulwa, kwasendaweni ababakhé uluhlu kuyo ngomhla wokuqala.

23. Benyuka oonyana bakaSirayeli, balila phambi koYehova, kwada kwahlwa. Babuza kuYehova, bathi, Ndiphínde na ndisondele ekulweni noonyana bakaBhenjamin, umzalwana wam? Wathi uYehova, Nyukani niye kubo.

24. Basondela oonyana bakaSirayeli koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesibini.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 20